Month: April 2024

ZALUNGA IZINTO KWIICHILLI BOYS 

IChippa United iphumelele okokuqala kwimidlalo emithathu njengokuba iquthise iCape Town Spurs ngamanqaku amabini eqandeni kumdlalo weDStv Premiership eNelson Mandela Bay Stadium, eGqeberha, ngokuhlwa kwangoLwesithathu. IiChilli Boys, eziye kulomdlalo emva kokubethwa…

USEEMA USIZELA ABADLALI BAKHE 

Emva kokungabethwa kwimidlalo emithandathu, umqeqeshi weSekhukhune United, uLehlohonolo Seema, ubancomile abadlali bakhe njengokuba bebambene ngamanqaku amabini macala neCape Town City ePeter Mokaba Stadium, ePolokwane, ngoLwesibini. IBabina Noko, ekwindawo yesithathu kumanqwanqwa…

UMGABI ULUNGELE UPILANE

Enemilo nje emihlanu kudidi lwabahlawulwayo, uLwando Mgabi ufumana ithuba lokokuba abhinqe ibhanti njengokuba ezakulwa noGift Pilane, onamava kunaye, kwiiveki ezimbini ezizayo. UMgabi ophuma e-9th South African Infantry (SAI) Boxing Club…

‘UZAKOZELISA UMLO KANONTSHINGA NOGONZALEZ – JUNCO

Umqeqeshi wamanqindi kwelasePhilippines, uJulius Erving Junco, oqeqesha uChristian ‘The Bomb’ Araneta, uthi makulindelwe umsinandozele womlo xa uSivenathi ‘Special One’ Nontshinga esilwa noJonathan ‘Bomba’ Gonzalez. UNontshinga, oyintshatsheli ye-International Boxing Federation (IBF)…

AWUSEKHO UMLO KAMAHLANGU NOLETSHIKGWANE 

Awusekho umlo obuzakubaphakathi kukaBongani ‘Wonderboy’ Mahlangu nommi waseBotswana, uTefo Letshikgwane, mlo lowo obuzakubanjelwa eFairground Holdings, eGaborone, ngoMgqibelo. Umqeqeshi kaMahlangu, uSandile Mahlangu, uxelele i-Ink Sport ukuba ufumene incwadi emxelela ngokuchithwa kwalomlo.…

css.php