UCWEYO KUJONGWE UKULUNGISA UBUME BENXILI KABSA 

Ucweyo ekuthenjwa ukuba luzakukhokelela ekubeni iphuphume inxili kaBoxing South Africa (BSA) ngokufumana imali-nkxaso kwabezoshishino luzakubanjelwa eParktown, eRhawutini, kusasa ngoLwesihlanu. Ngokokutsho kwegunya eliyintloko kwaBSA uMandla Ntlanganiso, olucweyo yimpendulo kwikhwelo elalihlatywe nguMphathiswa…

ABETHIWE AMAJIMBOS

Iqela lesizwe laseColombia labangaphantsi kweminyaka elishumi elinesixhenxe lize ngemva labetha Amajimbos oMzantsi Afrika ngamanqaku amabini kwelinye kumdlalo wobuhlobo ePalmira ngentseni yangoLwesine, ngokwexesha loMzantsi Afrika. UTomás Martínez, odlala kwiTigres kwelase-Argentina, ufake…

UTYIRHA UQEQESHWA KWANOJOLI

Owayesakuba yinjinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-flyweight, uNhlanhla ‘Mount Kilimanjaro’ Tyirha, uphinde watshintsha abaqeqeshi nangona nje okwangoku kusithiwa yinto nje yethutyana. Ngoku uTyirha uqeqeshwa nguBaba ‘Babes’ Makala KwaNojoli emva kokuqala unyaka…

UPHUZI UZAKUCELA UMNGENI KUMCHUNU

Abaphathi baka-Akani Phuzi bakholelwa ukuba lembethi-manqindi ingema izixhwithele kwintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwecruiserweight uThabiso ‘The Rock’ Mchunu, kwaye kungoko ecela umngeni nje. UMchunu ubethwe ngummi wase-Argentina uYamil Alberto Peralta Jara…

PHUZI TO CHALLENGE MCHUNU

Akani Phuzi’s handlers believe that he can stand his own against current South African cruiserweight champion Thabiso ‘The Rock’ Mchunu thus he has challenged him to a title contest. Mchunu…

ISUNDOWNS IPHUMELELE

IMamelodi Sundowns iyasondela ekuyikhuseleni ngempumelelo intshinga yayo yeDStv Premiership emva kokubetha iSekhukhune United ngamanqaku amabini kwelinye eLoftus Versfeld, ePitoli, ngokuhlwa kwangoLwesibini. IiBrazilians ziwafake omabini amanqaku kwimizuzu esibhozo yokuqala yomdlalo. Umdlalo…

css.php