Month: March 2024

‘SIFUNA UYISE OKANYE UNYANA’ – TOWEEL 

Umqeqeshi wamanqindi ozinze eRhawutini, u-Alan Toweel, ufuna intshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-featherweight, uBongani ‘Wonderboy’ Mahlangu, nonyana wakhe uBheki Maitse. UToweel ufuna imbethi-manqindi yakhe uVusumuzi Ngcamu acele umngeni kuMahlangu okanye alwe…

IBAFANA IBAMBENE NE-ANDORRA 

IBafana Bafana ize ngemva ngethuba ibambana ne-Andorra ngenqaku elinye macala kumdlalo wobuhlobo e-19 May 1956 Stadium e-Annaba kwelase-Algeria ngentseni yangoLwesihlanu, ngokwexesha loMzantsi Afrika. I-Andorra yothuse umzi, ifaka inqaku ngequza likaRicardo…

UTSHABALALA UYACHACHA EMVA KOKUDUTYULWA

Igosa lobugcisa kwi-Orlando Pirates, uStanley ‘Screamer’ Tshabalala, uyachacha emva kokudutyulwa kuphango emzini wakhe eCenturion emva kwemini ngoLwesithathu. Lengxelo engokudutyulwa kukaTshabalala, owayesakuqeqesha iqela lesizwe loMzantsi Afrika iBafana Bafana, idizwe sisithethi sosapho,…

UNATHAN WANDISA UMMANGO WAKHE 

UColin ‘Nomakanjani’ Nathan uwandisile ummango wakhe kwakhona, efumana iimpepha zokusebenza njengomlawuli weembethi-manqindi kwelinye ilizwe kwilizwekazi i-Asiya kwiinyanga nje ezintandathu wafumana ilayisenisi yokusebenza eJapan. UNathan, ongumqeqeshi omkhulu eHotbox Gym eRhawutini, ngoku…

UMTOLO UTHABATHEKILE NGUTYIRHA, KODWA… 

Kungenzeka ukuba uNhlanhla ‘Mount Kilimanjaro’ Tyirha akanaxesha lide esebenza nomqeqeshi wakhe omtsha, kodwa uVusi Mtolo uthabathekile ngulomfana owayesakuba yinjinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-flyweight nangona nje esithi kusekuninzi okusafuneka bekwenzile. Lenzalelwane…

css.php