Month: May 2024

BSA BOARD ANNOUNCED

A new seven-member board of Boxing South Africa (BSA), which will be at the held for three years, was announced by Minister of Sport, Arts and Culture Zizi Kodwa on…

IBSA IYALELA USIBISI UKUBA AKHUSELE INTSHINGA 

Unexeshana nje elingaphantsana kweenyanga ezimbini eyintshatsheli yoMzantsi Afrika, kodwa uNkosingiphile Sibisi waKwaZulu-Natal sele eyalelwe yiBoxing South Africa (BSA) ukuba akhusele intshinga yakhe yosiba awayiphumelela ekuthambekeni kukaMatshi. USibisi, osele eyiphumelele yosixhenxe…

UTYIRHA UZIMANYE NE-ALL WINNERS  

Zifikelele esiphelweni iintsuku zokunyuka esehla kowayeyinjinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-flyweight uNhlanhla ‘Mount Kilimanjaro’ Tyirha njengokuba ezimanye ne-All Winners Boxing Club eMdantsane. UTyirha ufumene ikhaya elitsha emva kokuqhawula amatyathanga ebembophelele kumlawuli…

UTUNZI UKHUSELA KUMBOYIYA 

Emva kokubuya ngemva wabetha obeyintshatsheli yephondo uLuvuyo Mputi kumlo owawumhle kakhulu ngoMatshi, ngoku uChumani ‘AK 47’ Tunzi uzakulwa nentshatsheli yamhlamnene eMzantsi Afrika u-Aphiwe ‘Swagger’ Mboyiya. UTunzi uzakube eyikhusela okokuqala intshinga…

UBATYI UZAKUKHUSELA OKWESITHATHU 

Kwakufanele ukuba balwile ngoMatshi, kodwa ukwenzakala kukaYamkela Phaliso kwabangela ukuba abaququzeleli bomlo baxoze mphini wumbi ukuze uZolisa Batyi azokufumana umlo. Lentshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi losiba yaphela isilwa noLucky Hobyane eyamnqumamisa…

USUTHU LUBAMBENE NECHIEFS 

Amanqaku afakwe kwisiqingatha sokuqala aye onela njengokuba AmaZulu ebambene neKaizer Chiefs ngenqaku macala kumdlalo weDStv Premiership eMoses Mabhida Stadium, eThekwini, ngokuhlwa kwangeCawa. Amakhosi afake inqaku lawo kusekutsha emdlalweni njengokuba u-Ashley…

css.php