Month: February 2025

NGUBELL NOLUBAMBO KUMLO OSEGQEBERHA 

Emveni kokungalwi isithuba esingaphaya kweminyaka emibini, ekugqibeleni intshatsheli yoMzantsi Afrika kwicandelo labasetyhini kudidi lwejunior-lightweight uNozipho Bell uzakulwa okokuqala ukususela ngoDisemba 2022 njengokuba ezakuqubisana no-Abongile Lubambo. UBell uzakulwa noLubambo kumlo wecatchweight…

UDYEYI UZAKULWA EMONTI

Owayeyinto ngobunto bayo kumanqindi akudidi lwabangahlawulwayo u-Amzolele ‘Globe’ Dyeyi uzakulwa okokuqala ngqa ngaphambi kwabalandeli bamanqindi baseMonti okokoko waqalisa ukulwa kudidi lwabahlawulayo kulonyaka ophelileyo. Lenzalelwane yaseMdantsane, eneminyaka engamashumi amabini anesithathu, izakulwa…

UKULWA YEYONA NTO EPHAMBILI KUSONJICA 

Kulula kakhulu ukwazi ukuba yintoni na echwayitise owayeyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-featherweight u-Ayabonga ‘Jay Jay’ Sonjica njengokuba elungiselela umlo wakhe noThato Bonokoane. USonjica akakalwi kwisithuba esingaphaya kweminyaka emibini njengokuba wagqibela…

css.php