Category: Boxing

‘NDIZAKUMBETHA NDIMWISE’ – BALENI 

USiphamandla ‘Toytoy’ Baleni ukholelwa kwelokokuba umntu okhethe yena ukuba alwe nommi waseZimbabwe uBeaven Sibanda, ongekabethwa, ngoJuni wenze impazamo enkulu. Lenjinga yoMzantsi Afrika yamhlamnene, ezakulwa noSibanda kwimijikelo esibhozo e-Emperor’s Palace, eKempton…

UDYEYI UYALWA KULENYANGA EZAYO

Izinto zihamba ngokukhawuleza kwinzalelwane yaseMdantsane u-Amzolele ‘Globe’ Dyeyi njengokuba sele uqinisekisiwe umhla azakulwa ngawo okokuqala kudidi lwabahlawulwayo emva kokunikela umva iMonti esiyokuzinza eGauteng kuleveki. UDyeyi, ophumelele imbasa yesilivere kwitumente yeMandela…

UBALENI UZAKUQUBISANA NOSIBANDA 

Igqala uSiphamandla ‘Toytoy’ Baleni uzakulwa okokuqala ekhaya kwisithuba esingaphaya kweenyanga elishumi elinesithandathu xa etshintshiselana ngezithonga nembethi-manqindi yaseZimbabwe engekabethwa uBeaven Sibanda ngoJuni. UBaleni, owakhe wayinjinga yoMzantsi Afrika, noSibanda bazakulwa kumlo onemijikelo…

UDYEYI UFUDUKELE EGAUTENG 

Kwiintsukwana ezimbalwa emva kokuphanza kwelinge lakhe lokuphumelela imbasa yegolide kwitumente yeMandela African Boxing Cup eThekwini, u-Amzolele ‘Globe’ Dyeyi, obenguPhopho kudidi lwabangahlawulwayo, wenjenjeya ukusingisa eGauteng. UDyeyi, obeqeqeshwa nguZolile ‘Gqo’ Mahambi eMdantsane,…

ELINYE ITHUBA LEBHONGO NEQHAYIYA KUNONTSHINGA 

Ukuba kuluhlu lwabadlali abangabagqatswa bembasa yeSportsman of the Year kwiSouth African Sport Awards lelinye lamathuba alibhongo neqhayiya kwintshatsheli yehlabathi uSivenathi ‘Special One’ Nontshinga. Lenjinga ye-International Boxing Federation (IBF) kudidi lwejunior-flyweight…

css.php