Category: Boxing

UWELLEM NEMICELIMNGENI YOBUNZIMA  

Kungekudala kuzakunyanzeleka ukuba u-Asemahle ‘The Predator’ Wellem anyuse ubunzima ukusuka kudidi lwesuper-middleweight ukuya kolwelight-heavyweight njengokuba emhokamhokana nobunzima nje. Lenjinga yoMzantsi Afrika kudidi lwesuper-middleweight izakulwa kwimilo emibini, kwiindidi ezimbini zobunzima, kumazwekazi…

UFOURIE UQUBISANA NOMMI WASEGHANA  

UKaine ‘K9’ Fourie uzakuvavanya isakhono sakhe samanqindu xa esilwa nembethi-manqindi engekabethwa uWasiru Mohammed wase-Accra kwelaseGhana ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesithathu kuNovemba. UMohammed unconywa kakhulu njengokuba enqumamise amadoda alishumi elinambini kumaxhoba…

UMUNYAI UNTINGELA EMEXICO 

UTshifhiwa ‘Spider’ Munyai uzakuntingela kwelaseMexico ngoLwesine, apho azakulwa khona negqala elingummi waseMexico uLuis Miguel Roman Portillo eGimnasio Municipal Jose Neri Santos, eCiudad Juarez, kuleveki ezayo ngoLwesihlanu, ngoMgqibelo ngokwexesha laseMzantsi Afrika.…

MUNYAI OFF TO MEXICO 

Tshifhiwa ‘Spider’ Munyai leaves for Mexico on Thursday where he has a date with experienced Mexican boxer Luis Miguel Roman Portillo at the Gimnasio Municipal Jose Neri Santos in Ciudad…

UBOYIYA KUMLO NODLAMINI 

Ilinge lokukhokelela u-Aphiwe ‘Swagger’ Boyiya kuhambo lokuqhubela phambili nokunyuka kumanqwanqwa odidi lwejunior-welterweight eMzantsi Afrika lihamba ngendlela njengokuba ebuyela eqongeni kumlo noLindokuhle ‘Hitman’ Dlamini kulenyanga ezayo. Lomfana, owayeyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi…

HITMAN CHASES BOYIYA

A plan to make sure that Aphiwe ‘Swagger’ Boyiya continues to climb up the junior-welterweight ratings in South Africa has been set in motion as he returns to action against…

UKUSE UFUDUKELA ERHAWUTINI

Akunambaliso ukuzimisela okubonakaliswa yintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi uSiyakholwa Kuse kumalungiselelo omlo noBeaven Sibanda. Kwilinge lokuqinisekisa ukuba uyamelana neemeko zezulu zaseRhawutini, uKuse uzakunikela umva iMonti, ayokugxumeka iintente zakhe kwaNdongaziyaduma kude kubesemva…

css.php