UHEM UKHUSELA KUMLO NONGCAMU

Emva kokubethwa kukaMxolisi Zuma eNamibia kuloMgqibelo odlulileyo, sele kubhengeziwe ngoku ukuba uSiyabulela Hem uzakukhusela intshinga yakhe yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-featherweight kuVusi Ngcamu, obekwa kwindawo yesibini, kulenyanga ezayo. Umlo kaHem nalenjinga…

ISIPHO SIKATUTSHENI SOMHLA WOKUZALWA 

Emva kokuzithi jwaxa isipho sokuzalwa lungekafiki usuku lwakhe lokuzalwa, uSimamkele Tutsheni uzakuhlala ethembeni njengokuba eyintshatsheli ye-International Boxing Organisation (IBO) All-Africa kwicandelo labasetyhini kudidi lwejunior-featherweight. UTutsheni, ozakubhiyozela ukufinca iminyaka engamashumi amabini…

UMALAJIKA UTHI UNGUMPONDO ZIHLANJIWE 

Emva kokunqumamisa zonke iimbethi-manqindi kwimilo yakhe emithathu yokugqibela, uRicardo ‘Magic Man’ Malajika uthi nguye yedwa imbethi-manqindi ephambili eMzantsi Afrika kudidi lwejunior-bantamweight. UMalajika uyikhusele ngempumelelo isihlandlo sesithathu intshinga yakhe ye-International Boxing…

UWITBOOI WONELISEKILE NANGONA EBETHIWE UBELL

Esilwa ngobunzima obungaphaya kokuqonda nangabuqhelanga, uNozipho Bell unqunyanyiswe kumjikelo wesithathu ngummi waseRussia u-Albina Moldazhanova kumlo obukwelaseRussia ngokuhlwa kwangoMgqibelo. UBell, oyinjinga yoMzantsi Afrika kwicandelo labasetyhini kudidi lwejunior-lightweight, uye walwa kudidi lwewelterweight…

css.php