U-Issa Hayatou, obengumongameli wamhlamnene wombutho olawula ibhola ekhatywayo kwilizwekazi i-Afrika iCAF), usweleke ngoLwesihlanu, eneminyaka engamashumi asixhenxe anesixhenxe.
UHayatou, owazalelwa eGaroua kwelaseCameroon, ngoyena mntu owathabatha ixesha elide exhuzula imikhala yolawulo njengomongameli weCAF ukususela ngo-1988 ukuyokuthi ga ngo-2017, apho kwangena khona u-Ahmad Ahmad waseMadagascar.
Phakathi konyaka ka-1974 no-1988, uHayatou wabangusosiba-jikelele, usekela-mongameli kunye nomongameli wombutho olawula ibhola ekhatywayo eCameroon, iFECAFOOT. Wabangusekela-mongameli weCAF ngo-1986, waze wonyukela phezulu wabangumongameli ngo-1988.
Wabalilungu lekomiti yesigqeba kumbutho olawula ibhola ekhatywayo ehlabathini, iFIFA, ngo-1990, waze wabangusekela-mongameli walombutho ngo-1992.
UHayatou wazibandakanya kwiimbaleki, ibhola yomnyazi kunye nebhola ekhatywayo. Kwaye wayetshatshele, eyinjuze ephume izandla, ingakumbi kwimigama yeemitha ezingamakhulu amane nezingamakhulu asibhozo, apho wayeyintshatsheli yaseCameroon phakathi konyaka ka-1964 no-1971.