UKaine ‘K 9’ Fourie ucinga ngokokuba izakuthini na indlela yakhe njengokuba ezakuvana amandla kunye noKutlwano Ogaketse waseGaborone, eBotswana, eBox Camp Booysens, eRhawutini, ngoLwesihlanu.
Engekabethwa kwimilo esibhozo njengokuba ephumelele emithandathu, waze wabambana kwemibini, uFourie, oneminyaka engamashumi amabini anesibini, uzakulwa nalommi waseBotswana kwilinge lokuzibethelela kudidi lwelightweight.
“Asizokuya phaya ngenjongo yokumnqumamisa. Ukuba ke kuyenzeka simnqumamise, andinangxaki nalonto. Ndiqiniseke ngokupheleleyo ukuba sizakuwina phaya. Sisebenze nzima, siziqeqesha. Zange wakhe walwa nembethi-manqindi efana nam, ndizakumbonisa. Sizakuzimisela kulomlo,” utshilo uFourie.
UFourie wongeze ngelithi: “Ndifuna ukulwela intshinga ye-IBF Africa emva kwalomlo, kuba injinga yoMzantsi Afrika (uKhaya Busakwe) iyoyika ukulwa. Andiyazi ukuba kutheni na lento esoyika ukulwa. Kodwa ke, ndakulibamba ngezandla zombini ukuba likhe lavela ithuba lokulwela intshinga yoMzantsi Afrika. Okwangoku akakafuni ukulwa nam. Okwangoku sisajonge izinto ezinkulu nezingcono.”
UFourie wanqumamisa uLusanda Komanisi, owayesakubayinjinga yoMzantsi Afrika ne-International Boxing Organisation flyweight (IBO) kudidi losiba, kumjikelo wesine kumlo wakhe wokugqibela owawubanjelwe e-Emperor’s Palace, eKempton Park, ngoNovemba wonyaka ophelileyo.