UHoward Goldberg ugxininisile ukuba umbutho wakhe, iWorld Boxing Federation (WBF), awukhange ubenento yokwenza nomlo ka-Asemahle Wellem kunye nejoni laseTanzania, uSelemani Kidunda, eDar-Es-Salaam kwelaseTanzania ngenj’ixukuxa ngoMgqibelo.
Endaweni yoko, uGoldberg uthe ukuba kukho nabani na onemibuzo makayibhekise kwiWorld Boxing Foundation (WBF) kuba ngulombutho ozinze e-Australia obugunyazise umlo kaWellem noKidunda.
“Ndiyacaphuka kuba lamlo ubungenanto yakwenza neWorld Boxing Federation. Nabani na onesikhalazo makasise e-Australia, apho iWorld Boxing Foundation izinze khona. Nkqu nabantu base-Australia abanalo ixesha leWorld Boxing Foundation. Thina sikwihlabathi jikelele, kumazwe angamashumi amane anesihlanu, kwaye bona abananto abanayo,” utshilo uGoldberg.
“Ndikhathazekile ngoWellem kuba kungenzeka ebecinga ukuba ebelwela intshinga yethu, logama ebengalweli yona. Ebelwela intshinga yeFoundation. Naliphi na igosa elisebenzela iFoundation alinakusisebenzela.”
Ephefumla emva kokutsalelwa umnxeba, umphathi kaWellem, uSiya Zingelwa, uthe: “Besiyazi ukuba besilwela intshinga yeWorld Boxing Foundation.”