NguMonwabisi Jimlongo 

UMandla Ntlanganiso, osandula ukonyulelwa kwisikhundla segunya eliphezulu kwiBoxing South Africa (BSA), ukholelwa kwelokokuba ngekude kakhulu amanqindi aseMpuma Koloni ukuba bekungasetyenziswa ipolitiki ewugungqisayo lomdlalo.

Ethetha ngethuba bekumiliselwa ngokusesikweni iKay B Promotions kaMzi Booi eBeacon Bay, eMonti ngeCawa, uNtlanganiso ubongoze abasemanqindini eMpuma Koloni ukuba baguqule indlela yokwenza xa befuna lomdlalo ubenempumelelo. 

“Ndicinga ukuba iingxaki kunye nemicelimingeni yethu, ingakumbi kulengingqi neliphondo, yipolitiki. Yonke into esiyenzayo yayamene nepolitiki, maxa wambi side siwuphose umhlola ekubeni singazi ukuba amandla ethu masiwasebenzise ngaphi na kuba yona italente ininzi apha. EMonti, eMpuma Koloni, eZiphunzana naseQonce, sininzi kakhulu isiphiwo samanqindi, kodwa siyafeda,” utshilo uNtlanganiso. 

UNtlanganiso, owaqala ukusebenzela uBSA njengegosa lezemisebenzi ngoJanuary ka-2022, waye walahlelwa kwiingcuka ngethuba ibhodi eyayilawula lombutho wamanqindi yammisayo emsebenzini, yaze ayambeka tyala, nto ke leyo eyayinyhasha iLabour Relations Act. 

UNtlanganiso wamiswa emsebenzini ngomhla weshumi ku-Agasti yibhodi eyayilawula amanqindi neyashiyayo esikhundleni sayo ngomhla weshumi elinyane kuDisemba, ishiya ingakhange imbeke tyala, isophula isolotya 8.2(c) elimalunga nokumiswa emsebenzini: “Ukuba umqeshwa umisiwe emsebenzini, umqeshi kufuneka amthawuzise ngaphambi kwesigqeba soluleko ingaphelanga inyanga okanye iintsuku ezingamashumi amathandathu kuxhomekeke kubunzima nobuzaza bomcimbi lowo kunye nexesha lophando. Usihlalo wesigqeba soluleko makathabathe isigqibo malunga nokumisa ukuviwa kwetyala.” 

UNtlanganiso uthethe wenjenje ngeCawa: “Siyafeda ekwenzeni ukuba amanqindi abengumdlalo othabathekisa abantu eMpuma Koloni naseMzantsi Afrika. Kufuneka silungise ukuhlala, siqinisekise ukuba umcimbi weenkonzo ezisiseko siyathetha ngawo. Kufuneka siphathelele ekwenzeni izinto.” 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php