Ingaba ke kanti akakabinayo nenye itumente asele eyenzile, kodwa kubonakala ngathi umnikazi weKay B Promotions, uMzi Booi, uyibile intliziyo yegosa eliyintloko kuBoxing South Africa (BSA), uMandla Ntlanganiso.
Oku kuye kwacaca okwekati emhlophe ehlungwini ngethuba uNtlanganiso ethetha xa bekumiliselwa ngokusesikweni iKay B Promotions eBeacon Bay, eMonti, ngokuhlwa kwangeCawa.
“Sithetha ngokwenza izinto ngendlela singuBoxing South Africa. Ndibona into eyahlukileyo. Kufuneka sibonakalise ubunkokheli kwinto yonke esiyenzayo, ukususela kwiindawo zokuqeqesha iimbethi-manqindi. Kulapho kanye apho kufanele buqale khona ubunkokheli, ukuze sizokuba nemilo emihle kakhulu e-Orient Theatre okanye e-ICC. Ayiqali apho, iqala kwiindawo zokuqeqesha iimbethi-manqindi. Ngoko ke, kubaluleke kubo bonke ababandakanyekayo emanqindini ukuba babonakalise ubunkokheli, ukuze umdlalo wamanqindi ibenguwo ophambili kweli,” utshilo uNtlanganiso.
UNtlanganiso wongeze ngelithi: “Asikwazi ukuthabatha ilayisenisi yokuba ngabaphathi, abathelekisi, siphinde sithembise abafana namantombazana aselula, sisithi sizakubanika imilo emithathu, emine, kodwa siphinde singakwenzi oko. Yintoni oyizisa etafileni xa uthabatha ilayisenisi kaBSA? Ingaba unawo amandla okwenza konke oko okanye ukuqinisekisa ukuba iitumente ozithembisileyo ziyenzeka emva kokutyikitya iimbethi-manqindi? Ukuba akunjalo, wenza ntoni? Kufuneka sibenoxanduva. Akufanelekanga ibeyinto nje yokuba nelayisenisi, wakugqiba ungakwazi ukubeka into etafileni.”
UNtlanganiso, owayekwenye yeekomiti zikaBSA ngaphambi kokuqeshwa ngokusigxina, uphinde wongeza ngelithi nazo iimbethi-manqindi kulindeleke ukuba zibenendima eziyidlalayo ukuqinisekisa ukuba amanqindi aba ngowona mdlalo uphumelelayo.
“Nazo iimbethi-manqindi kufuneka zibenoxanduva ukuze kuqinisekiwe ukuba nantoni na eziza nayo kubalandeli bamanqindi iza noxanduva. Sithi siyiMecca. Yintoni iMecca? IMecca ithetha ngokwenza izinto ngendlela ephakame kakhulu. Ingaba sinawo amanqindi akhuphisana nawehlabathi jikelele? Nakanye, asinawo. Ngumcelimngeni lo. Masizibekeleni imigomo ukuqinisekisa ukuba sakha iziseko ezingundoqo emanqindini ukuze sirhwebeshe iimbethi-manqindi ezisuka eGauteng, ezisuka eKapa zizokulungiselela imilo yazo apha,” ulebele watsho uNtlanganiso.