Owayesakuba yingqonyela ebambeleyo kwiBoxing South Africa (BSA), u-Erick Nsikayezwe Sithole, ucela umngeni kwisigqibo soMphathiswa weZemidlalo uZizi Kodwa ekuchongweni kukaMandla Ntlanganiso njengegunya eliyintloko kwaBSA. 

UKodwa utyumbe uNtlanganiso, owafika kwaBSA ezokusebenza njengegosa lezemisebenzi ngoJanyuwari ka-2022, phantse kwiiveki ezimbini ezigqithileyo. UNtlanganiso wamiswa emsebenzini ngo-Agasti nyakenye, waze wabuyiselwa esikhundleni sakhe yibhodi entsha nesamisiweyo ngoDisemba.

Ukanti, uSithole wayeyingqonyela ebambeleyo, aphinde abe lilungu lebhodi yakwaBSA eyayikhokelwa ngusihlalo wayo uLuthando Jack.

“Ndiliqaphele ityala elisenkundleni eliphakathi kwabathelekisi kunye noMphathiswa, kwaye andinaso isizathu sokuhlomla kulo. Kodwa ke, nangona ndanditye tyum ngokumiswa nokubuyiselwa emsebenzini kukaMnumzana Ntlanganiso njengengqonyela ebambeleyo, ebuyiselwa yibhodi entsha, ukubekwa kwakhe kutshanje nguMphathiswa njengegunya eliyintloko kundishiye ndingakwazi ukuthi cwaka kuba oku ndikubona njengento esemdleni woluntu. Ndiyakholelwa ukuba uMphathiswa uphukanekile,” utshilo uSithole kuxwebhu olufungelweyo ngomhla wesihlanu kuMatshi.

USithole ukwatyhile ukuba uNtlanganiso wamiswa emsebenzini ngomhla weshumi ku-Agasti njengokuba wayejamelene nezityholo ‘ezinobuzaza’ eziquka ukungathembeki nobuqhwemesha, ukungakhathali ngendlela eyoyikisayo, ukudelela, ukophula ezinye izigaba zeBoxing Act nokungakwazi ukuziphatha kunye nokuba nesimilo esinemihlisela. 

USithole uphinde wongeza ngelithi ibhodi endala yayifuna ukumbeka izityholo uNtlanganiso kanye xa kwakuzakuphela iinyanga ezine emisiwe emsebenzini, nto ke leyo engahambisaniyo neLabour Relations Act, ingakumbi isolotya 8.2(c) elimalunga nokumiswa emsebenzini: “Ukuba umqeshwa umisiwe emsebenzini, umqeshi kufuneka amthawuzise ngaphambi kwesigqeba soluleko ingaphelanga inyanga okanye iintsuku ezingamashumi amathandathu kuxhomekeke kubunzima nobuzaza bomcimbi lowo kunye nexesha lophando. Usihlalo wesigqeba soluleko makathabathe isigqibo malunga nokumisa ukuviwa kwetyala.” 

USithole uphinde wathi koluxwebhu olufungelweyo: “Ngenxa yoku kungentla, ndinqwenela ukuvakalisa inkxalabo yam ngokunyhashwa komthetho kunye nokugxuphuleka nokuxambukela kwebhodi entsha noMphathiswa kwinkqubo yokululekwa kukaMnumzana uNtlanganiso.” 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php