Kukho inguqu ekhoyo kuluhlu lweembethi-manqindi ezizakulwa kwitumente yeKay B Promotions njengokuba umlo ophambili utshintshile, apho intshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi losiba, uZolisa Batyi, ezakulwa namntu wumbi engazokubasalwa noYamkela Phaliso.
Ingxaki esesihlahleni inyanzelise ukuba uPhaliso arhoxe kulomlo njengokuba ngoku uBatyi ezakulwa noLucky Hobyane, obekwa kwindawo yesithandathu kudidi losiba. Lomlo kaBatyi, ozakubuyela eMonti ngoLwesithathu emva kokuchitha iveki yonke eziqeqesha eThekwini, uzakubanjelwa e-Orient Theatre ngomhla wamashumi amathathu ananye.
“UPhaliso urhoxile kulomlo ngenxa yengxaki esesihlahleni. Ngoku ke umthelekisi wethu sele etyikitye uLucky Hobyane ukuba alwe noBatyi,” udize watsho uBaba Makala, ongumphathi kaBatyi.
UBatyi uzakube eyikhusela okwesibini lentshinga kususela mhla wabetha owayeyintshatsheli uJeff Magagane eNgoako Ramatlhodi Sports Complex eSeshego, ePolokwane, ngoDisemba ka-2022. UBatyi uzakuya kumlo wakhe noHobyane emva kukudlala ntanga nye nomhlali waseKapa, u-Abdul-Aziz Kunert, eCape Peninsula University of Technology (CPUT) eBellville ngo-Agasti wonyaka ophelileyo.