Akukho apho kungxanyelwe khona malunga nokuqalisa uthethathethwano nangona nje i-International Boxing Federation (IBF) iyalele ukuba ‘mawuphindwe’ umlo wango-Epreli 2021 phakathi kukaSivenathi ‘Special One’ Nontshinga noChristian ‘The Bomb’ Araneta wasePhilippines.

UNontshinga, othwele intshinga ye-IBF junior-flyweight nowanqumamisa ummi waseMexico u-Adrian Curiel Dominguez kumjikelo weshumi e-Oaxaca, eMexico, kulenyanga ephelileyo, wabetha u-Araneta ngamanqaku eBoardwalk eGqeberha, ngo-Epreli 2021. 

I-IBF inike inkampu kaNontshinga, oneminyaka engamashumi amabini anesihlanu, kunye nabaphethe u-Araneta, ominyaka engamashumi amabini anesibhozo, kude kubengumhla wesine ku-Epreli ukuze bathethathethane. 

“Inkqubo elandelwayo yeyokokuba asikwazi ukuqalisa ngothethathethwano de ziphele iintsuku ezingamashumi amathathu kususela ngalamini yomlo wethu wokugqibela,” uvakele esitsho Colin ‘Nomakanjani’ Nathan, oqeqesba uNontshinga.

Kusenjalo, u-Araneta waseMandaue, eCebu, kwelasePhilippines, wazuza ilungelo lokucela umngeni kwintshinga ye-IBF emva kokunqumamisa umkhaya wakhe u-Arvin Magramo kumjikelo wokuqala eCebu City ekuthambekeni kukaJanyuwari walonyaka. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php