Kubonakala ngathi soze ixole iNational Professional Boxing Promoters Association (NPBPA) ide ibone igunya eliyintloko kwaBoxing South Africa (BSA), uMandla Ntlanganiso, engumahlalela njengokuba igrogrisa ngothawuzisa uMphathiswa weZimali, u-Enoch Godongwana, kwiinkundla zomthetho ukuba akasirhoxisi isigqibo sokutyumbela uNtlanganiso kwisikhundla esiphezulu kwaBSA. 

UMphathiswa weZemidlalo, uZizi Kodwa, utyumbele uNtlanganiso kwesisikhundla siphezulu kwaBSA kwinyanga ephelileyo, nto ke leyo engazange yehle kamnandi kwiNPBPA njengokuba icace gca kwincwadi ethunyelwe kuGodongwana isuka kumagqwetha akwaMafani & Company Incorporated. 

Kwincwadi eye kuGodongwana ivela kwiMafani & Company Incorporated, iNPBPA ibuze yenjenje: “Ingaba ngenene nangenyaniso isebe lezimali liyavumelana na nokutyunjwa kukaMnumzana Ntlanganiso njengegunya eliyintloko kwaBoxing SA? Ingaba yindlela isebe lezimali eliwutolika ngayo umthetho olawula amanqindi kweli ukuba uMnumzana Ntlanganiso uchongwe ngendlela eyiyo njengegunya eliyintloko kwaBoxing SA, nto ke leyo abaxhasi bethu abayiphikayo, ngoko ke ngenxa yokuchongwa kwakhe unikwe amagunya nguMphathiswa ukuba avumele kubekho iitumente zamanqindi?”

Kulencwadi, iNPBPA inyanzelisa ukuba uGodongwana arhoxise isigqibo sokutyumba uNtlanganiso, kwaye iphinda ithi kufuneka abhale incwadi ayithumele kuKodwa. 

Ilungele ukulwa kude kuqhawuke uNobathana, iNPBPA ikhwebe ingqungquthela nonoondaba eSouthern Sun, eSandton, ngentlazane yangoLwesine.

Kwimiba ephambili ezakuxovulwa kuquka ukutyunjwa kukaNtlanganiso, ubume betyala elisenkundleni, ukukhulula iivesti kweembethi-manqindi zingena kudidi lwabahlawulwayo, ukunikwa iilayisenisi kunye nokuvulela ukuba kubekho iitumente zamanqindi.

Kusenjalo, iNPBPA ibhalele ibambela kwi-ofisi yezemisebenzi kwaBSA, uMncedisi Ngqumba, ibuza ukuba yavunyelwa njani na itumente yamanqindi eyenziwa nguSinazo Makawula-Moroke eMitta Sperepere International Convention Centre, eKimberley, kwinyanga ephelileyo. 

INPBPA ihambisa ithi itumente kaMakawula-Moroke ayizange ivunyelwe ngendlela eyiyo. INPBPA ixoxa ithi bonke abasebenzi bakwaBSA ebebesebenza kuletumente bophule umthetho olawula amanqindi eMzantsi Afrika. 

Okunikisa umdla kukuba iNPBPA itye tyum ngetumente yeLightning Boxing Promotion eyayibanjelwe KwaMashu Indoor Sport Centre ngeCawa umhla wamashumi amabini anesihlanu kulenyanga ephelileyo. Kwaye kubonakala ngathi iNPBPA ayinayo ingxaki netumente ye-Ola GMM ebibanjelwe eScenery Park Hall kuloMgqibelo ogqithileyo.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php