Imbethi-manqindi yoMzantsi Afrika, uSabelo Ngebiyana, akanaxhala njengokuba ezakungquzulana nommi waseTanzania ongekabethwa, u-Ibrahim Mafia, ogama lokuzalwa lingu-Ibrahim Mustafa Kodema, eTanzania ngoMgqibelo.
Lenzalelwane yakuKomani izakuvana amandla noMafia kwintshinga engenamntu yeWorld Boxing Council (WBC) Africa kudidi lwentambanani. Lomlo uyinxalenye yetumente esiyiphathelwe ngu-Anathol Wannah weMafia Boxing Promotion, eMafia Boxing Arena eMbezi Msumi, eDar-Es-Salaam.
“Lithuba elihle kum eli, ukuvula unyaka ngomlo ofana nalo. Ngumlo omhle lo. Undinika ithemba lokokuba ndingayintshatsheli kwakhona. Ukuphumelela lomlo kuzakundinika ithuba lokuba kwiimbethi-manqindi ezikuluhlu olukudidi lwentambanani,” uNgebiyana uphimisela watsho.
UNgebiyana, owayesakuba yintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-bantamweight, utyelela okwesibini kwelilizwe elisempuma ye-Afrika kwixesha elingaphantsi kweenyanga ezintandathu. Wabethwa ngamanqaku ngu-Oscar Duge waseTanzania e-Ubungu Plaza, eDar-Es-Salaam, ngomhla wamashumi amabini anesithandathu kuDisemba wonyaka ophelileyo.