I-Orlando Pirates ibethe iKaizer Chiefs isihlandlo sesibini njengokuba iphumelele ngamanqaku amathathu kwamabini kumdlalo weDStv Premiership eFNB Stadium, eNasrec, eRhawutini ngemva kwemini ngoMgqibelo. 

Amakhosi, ebeliqela ebelityelele, aphale phambili ngomzuzu wesithandathu umdlalo uqalile ngethuba u-Ashley du Preez ebetha unozinti wePirates, uSipho Chaine. 

IiBuccaneers zithabathe imizuzu elishumi elinesibhozo ukufaka inqaku lokulinganisa emva kokuba uMonnapule Saleng ebeke ibhola emva konozinti weChiefs, uBruce Bvuma, ekhaba engaphandle kwebhokisi.

UDu Preez, owayedlalela iStellenbosch FC, ebengekagqibi njengokuba efake inqaku lakhe lesibini kwimizuzu emibini  ngaphambi kokuhlaba ikhafu emva kokufumana ibhola ebivela kuPule Mmodi. 

UThabiso Lebitso, ofike kwiPirates ngoJanyuwari evela kwiChippa United, ufake inqaku lakhe lokuqala kwiiBuccaneers elinganisa amanqaku ngomzuzu wamashumi amahlanu anesixhenxe.

Iintshukumo zomdlalo zibheka ngapha nangapha, iPirates iphale phambili okokuqala ngomzuzu wamashumi amathandathu anesibhozo ngethuba uSaleng efaka inqaku lakhe lesibini kulomdlalo. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php