Umqeqeshi oyintloko e-Omega Boxing Gym kwelasePhilippines, uJulius Erving Junco, uthi intshatsheli yehlabathi, uSivenathi ‘Special One’ Nontshinga, makayishiye intshinga ye-International Boxing Federation (IBF) junior-flyweight ukuba akafuni ukulwa nembethi-manqindi yakhe uChristian Araneta. 

UJunco ukuthethe oku emva kokuba i-IBF iyalele inkampu kaNontshinga neka-Araneta ukuba ziqalise iingxoxo malunga nokulwa kwezimbethi-manqindi ezimbini. Ezinkampu zinikwe kude kubengumhla wesine ku-Epreli ukuze ziqukumbele iingxoxo zazo. 

“Silindele ukuba ubekhona lomlo. Sihlala silungele ukulwa. Singalwa nanini na. Kufuneka alwe nathi okanye anyuke aye kudidi olungentla,” utshilo uJunco. 

UNontshinga, oneminyaka engamashumi amabini anesihlanu, wabetha u-Araneta ngamanqalu mhla ngamini babesilwela indawo yokufumana igunya lokucela umngeni kwintshinga ye-IBF junior-flyweight eBoardwalk, eGqeberha, ngo-Epreli 2021. 

U-Araneta, oneminyaka engamashumi amabini anesibhozo, sele ephumelele imilo emihlanu ukususela mhla wabethwa nguNontshinga phantse kwiminyaka emithathu egqithileyo.

Lembethi-manqindi yasePhilippines yanqumamisa iimbethi-manqindi ezine kwezintlanu zokugqibela ukulwa nayo, kwaye wanqumamisa umkhaya wakhe, u-Arvin Magramo kumjikelo wokuqala kumlo wakutsha nje ekuthambekeni kukaJanyuwari.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php