Badane bamanzi uSabelo Ngebiyana nomphathi wakhe u-Immanuel Mutavhatsindi njengokuba bekholelwa ukuba baqathiwe emva kokuba lembethi-manqindi yaseMpuma Koloni ilwe ngokulingana nommi waseTanzania u-Ibrahim Mafia, ogama lokuzalwa lingu-Ibrahim Mustafa Kodema, ngenj’ixukuxa ngeCawa.
Lomlo weWorld Boxing Council (WBC) Africa kudidi lwentambanani kuthiwe akukho mntu owuphumeleleyo nangona nje uNgebiyana noMutavhatsindi bekholelwa ukuba uyiphumelele labhanti eMafia Boxing Arena, eMbezi Msumi, eDar-Es-Salaam kwelaseTanzania. Eziziphumo zomlo kaNgebiyana zize kanye emva kweveki enye imbethi-manqindi yaseMpuma Koloni u-Asemahle Wellem waziva eqhathiwe kumlo wakhe noSalemani Kidunda eTanzania kulempelaveki egqithileyo.
“Kubi, kubi kakhulu. Bandiqhathile ababantu. Into eyenzeke kuWellem yenzekile nakum ngoku. Lamfana ndimbethe kuyo yonke imijikelo,” itshilo lenzalelwane yakuKomani neyayisakuba yintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-bantamweight.
UMutavhatsindi ungqinelene noNgebiyana, esithi: “Siqhathiwe. Benze kuthi lanto bebeyenze kuWellem. UNgebiyana umohlwayile lamfana, kwaye lamfana akakhange aphumelele nomjikelo omnye. Bacime izibane ngethuba bebona ukuba lamfana usengxakini, uyabethwa nguNgebiyana. Bacime izibane ukuze azokwazi ukuphefumla njengokuba ebebethwa.”