USabelo Ngebiyana ‘uzakubuyela ekhaya’ aphinde alwe ngaphantsi kukaBoxing South Africa (BSA) kwakhona emva kokusebenzisa ilayisenisi yaseTanzania ngenxa yokokuba ebengonwabanga yindlela ebekusenziwa ngayo izinto kwigunyabantu eliphethe amanqindi eMzantsi Afrika. 

Umphathi wakhe, u-Immanuel Mutavhatsindi, uqinisekisile ukuba uzakunxibelelana noBSA ngomcimbi kaNgebiyana, olwe ngokulingana nembethi-manqindi yaseTanzania, u-Ibrahim Mafia, ogama lokuzalwa lingu-Ibrahim Mustafa Kodema, ngenj’ixukuxa ngeCawa.

Lenzalelwane yakuKomani noMafia bebelwela intshinga yodidi lwentambanani kwiWorld Boxing Council (WBC) Africa eMafia Boxing Arena, eMbezi Msumi, eDar-Es-Salaam kwelaseTanzania. 

“Ndizakubhala incwadi, ndiyithumele kuBSA njengokuba ndingumphathi kaNgebiyana nje. Ndifuna aphinde abengaphantsi kukaBSA kwakhona ukuze azokulwela intshinga yoMzantsi Afrika. Okwangoku sinelayisenisi yaseTanzania noxa nje sicula umhobe wesizwe waseMzantsi Afrika ngaphambi kwemilo yethu. Ndiyamhlonipha uBSA. Nantoni na eyenzeke ngaphambili mayihlale kwelokulibala,” utshilo uMutavhatsindi. 

Kusenjalo, uNgebiyana, owayesakuba yinjinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-bantamweight, ungqinile ukuba ufuna ukulwa ngaphantsi kukaBSA kwakhona nanjengokuba efuna ukuvana amandla neembethi-manqindi ezifana noYanga Sigqibo nentshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwentambanani, uLandile Ngxeke. 

“Ndiyabuya, kwaye ndizakulwa kudidi lwentambanani. Ndifuna ukulwa noSigqibo, ndize emva koko ndiyokubetha uNgxeke,” utshilo uNgebiyana. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php