UKhanyisa Mayo, oyifolosi yeCape Town City, ungenile kwiqela leBafana Bafana elinabadlali abangamashumi amabini anesithathu nelizakudlala imidlalo yobuhlobo emibini ne-Andorra kunye ne-Algeria kulenyanga. 

UMayo, obengoyena mdlali ofake amanqaku amaninzi kwisizini ephelileyo kunye nomdlali weMamelodi Sundowns, uPeter Shalulile, ebengekho kwiqela ebelibhengezwe ngumqeqeshi weBafana, uHugo Broos, kuleveki ephelileyo. 

Amakhwenkwe kaBroos azakudlala umdlalo wokuqala ne- Andorra e-19 May 1956 Stadium e-Annaba kwelase-Algeria ngoLwesine umhla wamashumi amabini ananye. Eliqela elaphumelela imbasa yobhedu kwitumente yamazwe ngamazwe ase-Afrika lizakuqubisana ne-Algeria eNelson Mandela Stadium, e-Algiers, kwiintsuku ezintlanu ezilandelayo.

Iqela: 

Ronwen Williams, Bruce Bvuma, Ricardo Goss, Nyiko Mobbie, Thapelo Morena, Terrence Mashego, Aubrey Modiba, Tapelo Xoki, Siyabonga Ngezana, Nkosinathi Sibisi, Grant Kekana, Teboho Mokoena, Sphphelo Sithole, Goodman Mosele, Grant Margeman, Mlondi Mbanjwa, Themba Zwane, Oswin Appollis, Patrick Maswanganyi, Elias Mokwana, Mihlali Mayambela, Khanyisa Mayo, Iqraam Rayners

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php