Kusashiyeke iintsuku ezingaphaya kweveki ngaphambi kwetumente yakhe, uNomvelo Magcaba-Shezi weMvelo Promotions, uchwayitile ngendlela ahamba ngayo amalungiselelo alomnyhadala wamanqindi ozakubanjelwa e-Olive Convention Centre, eThekwini.
Umlo ophambili kuletumente izakube ingoweWorld Boxing Council (WBC) Silver kudidi lwecruiserweight, apho uThabiso ‘The Rock’ Mchunu waKwaXimba ezakube enukiselana ngamakhwapha nommi wase-Argentina uYamil Alberto Peralta Jara ngoLwesihlanu weveki ezayo.
“Ndivuya kakhulu njengokuba letumente izakuqhubela phambili emva kweengxakana. Bekunzima ukulungiselela letumente ngenxa yezinto ezisandula ukwenzeka emanqindini aseMzantsi Afrika,” utshilo uMagcaba-Shezi, ophinde waveza ukuba iimbethi-manqindi zase-Argentina zizakuthi cakatha eThekwini ngoLwesibini weveki ezayo.
Izakuba kokokuqala uMchunu esilwa ukususela ngokuya wayebethwa ngu-Ilunga Junior Makabu waseDemocratic Republic of Congo (DRC) kumlo weWBC cruiserweight ngoJanyuwari ka-2022.
Kungoku nje, uMchunu, oneminyaka engamashumi amathathu anesithandathu ubekwa kwindawo yesithathu kuluhlu lweWBC, logama uPeralta oneminyaka engamashumi amathathu anesibini esezantsi kwakhe kwindawo yesine.
Kusenjalo, ugxa kaMchunu oyintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwewelterweight, uThulani ‘Evolution’ Mbenge, uzakulwa noLeandro Ariel Fonseca wase-Argentina kwimijikelo elishumi.