Aye ekhula ngokukhula amathuba okokuba ngahle uXolisani ‘Nomeva’ Ndongeni angaphinde alwele eMzantsi Afrika, ingakumbi njengokuba sele eseMelika nje, apho azakulwa khona kwisithuba esingaphezulu kancinane kwiinyanga ezimbini emva kokunqunyanyiswa kumjikelo wesibhozo ngumMelika ongekabethwa, u-Arnold Barboza Junior.   

Lentshatsheli yamhlamnene kwi-International Boxing Organisation (IBO) kudidi lwelightweight, ezakulwa nommi waseMelika ongekabethwa, uRaymond ‘Danger’ Muratalla, eDesert Diamond Arena eGlendale, e-Arizona, ngoLwesihlanu umhla wamashumi amabini anethoba kuMatshi (NgoMgqibelo umhla wamashumi amathathu kuMatshi ngokwexesha loMzantsi Afrika), iveze ukuba izakuqhubela phambili nokulwa phesheya.

Imilo emibini yokugqibela kaNdongeni yayibanjelwe phesheya – ubethwe nguBarboza Jr eLas Vegas ngoJanyuwari walonyaka, nanjengokuba wayebethwe ngu-Ernesto Mercado eManagua ngoJulayi kulonyaka ophelileyo. 

“Ndifike ngoLwesibini apha. Ndifumana amathuba amahle eMelika okwangoku. Kufuneka ndisebenzise ingqondo, ndisebenzise lamathuba ukuguqula ubomi bam. Ndikholelwa ukuba ndakufumana imilo eliqela eMelika ukuba ndiwuphumelele lomlo,” utshilo uNdongeni.  

Lo owayesakuba yinjinga kudidi lwejunior-lightweight nakwilightweight eMzantsi Afrika wongeze wathi: “Ngoko ke, amathuba okuba mandiphinde ndilwe eMzantsi Afrika ancipha ngokuncipha, ingakumbi njengokuba sele ndizakuphuma kulomdlalo. Ndidinga amathuba angcono namahle kangangoko ndinako.” 

Lenzalelwane yaKwaBhaca, eneminyaka engamashumi amathathu anesithathu, yashiyeka iziqeqesha eMiami, eMelika, emva kokubethwa kwayo nguBarboza Jr, logama umqeqeshi wayo, uMzamo ‘Chief’ Njekanye, waye wabuyela ekhaya eMzantsi Afrika. Nkqu nangoku uNjekanye useMzantsi Afrika, logama uNdongeni sele eseMelika nje.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php