Abathelekisi, iimbethi-manqindi neemanejala bacela inkundla ephakamileyo yasePitoli ukuba ingasiseli so isicelo seNational Professional Boxing Promoters Association (NPBPA) ngakwityala noMphathiswa weZemidlalo, uZizi Kodwa. 

INPBPA yaphumelela kwisicelo sayo, yaze yamisa ukuqalisa ukusebenza kwebhodi entsha yeBoxing South Africa (BSA) ngoDisemba wonyaka ophelileyo, isithi uKodwa akazange anxibelelane nayo ngaphambi kokuthabatha isigqibo sokonyula lebhodi.

Ngoku, bangaphaya kwekhulu elinamashumi amabini abathelekisi, iimbethi-manqindi neemanejala ezithi amanqindi mawaqhubele phambili eMzantsi Afrika, logama iinkokheli zeNPBPA zilibeke latsola kutsha nje ukuba azikho iitumente ezizakuqhubela phambili kwelilizwe. 

“Abantu batyikitye oluxwebhu oluphikisana nesicelo seNational Professional Boxing Promoters Association (NPBPA). Bathi iNPBPA abayiboni njengombutho omele iimfuno zoninzi lwabathelekisi bamanqindi apha eMzantsi Afrika,” itshilo incwadi evela kwiMnyaka Inc, eliqumrhu lamagqwetha amele abathelekisi, iimbethi-manqindi neemanejala.

“Abatyike oluxwebhu abahambisani, kwaye abavumelani neentshukumo ezithatyathwe yiNPBPA. Kwaye bayaliphikisa ibango leNPBPA elithi inamalungu angaphaya kwamashumi amahlanu.

“Abatyikitye oluxwebhu bacela lenkundla ebekekileyo ukuba iqaphelisise, kwaye icinge nzulu ngeziphakamiso ezikulencwadi, ithabathe isigqibo esisiso ukusombulula ezizinto eziyimpehla kuluntu lwamanqindi.”

Amanqindi oMzantsi Afrika athubeleza ngaphantsi kwexesha elinzima kususela mhla ngamini iNPBPA yaphumelela idabi layo enkundleni ngoDisemba. Abathelekisi baqale ukwenza iitumente zamanqindi kwiveki yokugqibela kuFebruwari. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php