Umqeqeshi weBafana Bafana, uHugo Broos, ugxininisile ukuba amakhwenkwe akhe azakudlala imidlalo yobuhlobo enzima. 

Lommi waseBelgium uzakukhokela iBafana xa idlala ne-Andorra e-19 May 1956 Stadium e-Annaba kwelase-Algeria ngokuhlwa kwangoLwesine. 

“Sizakudlala imidlalo yobuhlobo, kodwa yimidlalo esemgangathweni, ekudlala abadlali abaphambili kwilizwekazi i-Afrika. Izakuba lulungiselelo olululo lwemidlalo yemfezeko yeNdebe yeHlabathi. Ndizakuthembela kubadlali abaliqela, kwaye siyayihlonipha i-Andorra,” utshilo Broos ngoLwesibini.

Kwiintsuku ezintlanu ezilandela emva komdlalo ne-Andorra, iBafana izakunyathelana ne-Algeria eNelson Mandela Stadium, e-Algiers. 

Kusenjalo, uBroos uphendulile kwintetho yomqeqeshi weMamelodi Sundowns, uRulani Mokwena, othe wonzakele ukapteni weBafana uRonwen Williams nomdlali wasesiswini uTeboho Mokoena.

“Ukuba bonzakele ngokwenene, kufanele basixelele, bangathethi nabeendaba. Sinaye ugqirha. Bayayazi inombolo kagqirha, kutheni bangasitsaleli umnxeba nje, batsho bathi abazokukwazi ukuza, baphinde basinike nengxelo kagqirha? Abayenzanga lonto, nto ke leyo ethi bawulungele umdlalo,” utshilo uBroos. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php