Emva kokuphulukana nentshinga yakhe yoMzantsi Afrika kudidi lweminimumweight, ebethwa nguSiyakholwa Kuse, uBangile Nyangani uzakulwa okokuqala kudidi lwempukane ngoMeyi.

UNyangani nomqeqeshi wakhe u-Alan Toweel bagqiba ekubeni onyukele ngentla kudidi lwempukane emva kokubethwa kwakhe nguKuse kumlo owawuyimpinda e-International Convention Centre (ICC), eMonti, ngoJulayi kulonyaka ophelileyo.

“UBangile uzakulwa okokuqala kudidi lwempukane ngoMeyi. Iyandichwayitisa lonto. Ludidi olutsha, kwaye luzakufaneleka,” utshilo uToweel. 

UNyangani waya kumlo wakhe noKuse ebekwa kwindawo entle kakhulu kuluhlu lwayo yomine imibutho ephambili emanqindini kwihlabathi jikelele. 

Wayekwindawo yesixhenxe kuluhlu lweWorld Boxing Council (WBC), ekweyesine kwiWorld Boxing Association (WBA), ebekwe kwindawo yeshumi kwi-International Boxing Federation (IBF) nakwindawo yeshumi elinanye kwiWorld Boxing Organisation (WBO). 

Ngelishwa uNyangani, owazalelwa eBityi, eMthatha, waphumela ngaphandle kuluhlu lweembethi-manqindi ezilishumi elinesihlanu zokuqala kwiWBA, IBF neWBO, logama ekwindawo yeshumi elinesibini kwiWBC. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php