Kungenzeka ukuba uNhlanhla ‘Mount Kilimanjaro’ Tyirha akanaxesha lide esebenza nomqeqeshi wakhe omtsha, kodwa uVusi Mtolo uthabathekile ngulomfana owayesakuba yinjinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-flyweight nangona nje esithi kusekuninzi okusafuneka bekwenzile.

Lenzalelwane yaseMdantsane iqale ukuziqeqesha noMtolo kulenyanga ephelileyo njengokuba ifuna ukubuyela kulamgangatho eyayithembise wona ekuqaleni. 

“Ndithabathekile yilento sele ndiyibonile. Unentlonipho, into ebaluleke kakhulu kumanqindi. Unesakhono, enye yezinto ezibaluleke kakhulu,” uphemfule watsho uMtolo. 

“Ndinethamsanqa ukusebenza nomntu ofana noTyirha nangona ndikholelwa ukuba uthambile njengazo zonke iimbethi-manqindi zaseMpuma Koloni. Kufuneka athi nje ukuba rhabaxa, ingakumbi xa esilwa. Kufuneka azi indlela yokulwa nokuqhatha lowo alwa naye.” 

UMtolo wayeziva ngathi angenza into ngethuba ebukele umabonakude, ebona uTyirha enqunyanyiswa kumjikelo wesibhozo nguGeorge Kandulo waseMalawi e-International Convention Centre (ICC), eMonti, ngoJulayi. 

Kwamchana kakhulu uTyirha ukubethwa kwakhe kuba lonto yakhokelela ekubeni aphume kuluhlu lweembethi-manqindi kwimibutho emine ephala phambili ehlabathini. 

“Wayelwela thina sonke kulamlo. Kulusizi nje ukuba waphulukana nawo njengokuba kwakufuneka athi qwa ngexesha esilwa noKandulo kuba wayephambili ngamanqaku. Ndaziva ngathi kwakuzakuba kuhle ndibe phaya ukuze ndithethe naye,” utshilo uMtolo. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php