UColin ‘Nomakanjani’ Nathan uwandisile ummango wakhe kwakhona, efumana iimpepha zokusebenza njengomlawuli weembethi-manqindi kwelinye ilizwe kwilizwekazi i-Asiya kwiinyanga nje ezintandathu wafumana ilayisenisi yokusebenza eJapan. 

UNathan, ongumqeqeshi omkhulu eHotbox Gym eRhawutini, ngoku ufumene iimpepha kwi-United Arab Emirates (UAE) Boxing Commission, apho azakusebenza khona njengomlawuli weembethi-manqindi.  

Lenzalelwane yaseKapa, engomnye wabantu abaphumelela iimbasa emanqindini aseMzantsi Afrika, yalile ukunika izizathu ezikhokelele ekubeni iyokufuna ilayisenisi yokusebenza e-UAE. UNathan uthe abantu mabahlale bejongile kuba inkulu into ezayo. 

UNathan uqeqesha injinga ye-International Boxing Federation (IBF) kudidi lwejunior-flyweight, uSivenathi ‘Special One’ Nontshinga, uLerato ‘Lights Out’ Dlamini, uKatlego Khanyisa kunye nowayesakuba yintshatsheli ye-IBF kudidi lweminimumweight uDeeJay Kriel, ukukhankanya nje abambalwa.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php