Igosa lobugcisa kwi-Orlando Pirates, uStanley ‘Screamer’ Tshabalala, uyachacha emva kokudutyulwa kuphango emzini wakhe eCenturion emva kwemini ngoLwesithathu.

Lengxelo engokudutyulwa kukaTshabalala, owayesakuqeqesha iqela lesizwe loMzantsi Afrika iBafana Bafana, idizwe sisithethi sosapho, uThato Matuka, ngokuhlwa kwangoLwesine.

UMatuka uphinde wadiza ukuba yonke into bayibeke ezandleni zamapolisa njengokuba esaphanda nzulu ngokwenzekileyo. UMatuka uphinde wabulela abantu ngenkxaso yabo.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php