Umqeqeshi wamanqindi ozinze eRhawutini, u-Alan Toweel, ufuna intshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-featherweight, uBongani ‘Wonderboy’ Mahlangu, nonyana wakhe uBheki Maitse.
UToweel ufuna imbethi-manqindi yakhe uVusumuzi Ngcamu acele umngeni kuMahlangu okanye alwe noMaitse kumlo wentshinga yaseGauteng.
“UVusi ubekwa kwindawo yesihlanu kudidi lwejunior-featherweight. Sifuna ukulwa nenjinga yoMzantsi Afrika uBongani Mahlangu ukuba siyalizuza elothuba. Ndikholelwa ukuba uVusi angayiyo intshatsheli yoMzantsi Afrika,” utshilo uToweel.
“Ukuba ke asiyilweli intshinga yoMzantsi Afrika, sizakulwa nonyana wentshatsheli, silwela intshinga yaseGauteng. Ngoko ke, ngutata kwintshinga yoMzantsi Afrika okanye unyana kwintshinga yaseGauteng.”
UNgcamu uphumelele kathathu, wabethwa kanye waphinda wabambana kanye kwimilo yakhe emihlanu yokugqibela. Lilonke, uNgcamu uphumelele imilo esixhenxe (unqumamise iimbethi-manqindi eizntlanu), wabethwa izihlandlo ezine, waze wabambana kathathu.
UMaitse akakabethwa njengokuba eyiphumelele yomine imilo yakhe, emibini yayo yaphela esithubeni. Wanqumamisa u-Awonke Tini kumjikelo wesithathu eBox Camp Booysens, eRhawutini, kwiiveki ezimbini ezigqithileyo.
Kwelinye icala, uMahlangu wagqibela ukukhusela intshinga yakhe ngethuba enqumamisa uLuthando Mbumbulwana kumjikelo wesixhenxe eVodaworld, eMidrand, ngoSeptember.