Uthi wanelisekile umqeqeshi weBafana Bafana, uHugo Broos, nangona nje iqela lakhe lidlale ntanganye ngenqaku macala ne-Andorra kumdlalo wobuhlobo e-19 May 1956 Stadium e-Annaba kwelase-Algeria ngentseni yangoLwesihlanu.

I-Andorra iphale phambili zisuka ngenqaku likaRicardo Fernandez emva kwempazamo kanozinti woMzantsi Afrika uRicardo Goss ngomzuzu wesithandathu.

IBafana ifake inqaku lokulinganisa ngomzuzu wamashumi amabini anesihlanu lifakwa ngu-Elias Mokwana, obeqala ukudlalela iqela lesizwe. 

“Ndonelisekile, hayi ngeziphumo. Ndoneliseke ngendlela ekudlalwe ngayo. Ibiliqela elitsha ngokupheleleyo. Ndonelisekile ngabanye abadlali, bandinike ukoneliseka,” utshilo uBroos. 

Ebuyela kwindlela i-Andorra edlale ngayo, uBroos uthethe wenjenje: “Ndiyacinga niyibonile into ebendiyithethe ngaphambi komdlalo. Liqela elithanda ukuvingca amazibuko, linamandla okutyhiliza, soloko lifuna ungquzulwano, kwaye lifika kuqala ebholeni. Yindlela abadlala ngayo leyo. Siphise ngenqaku lula kakhulu, kodwa ukuba sinokubona, sibale amathuba ebesinawo, mathandathu, asixhenxe, amathuba amahle okufaka amanqaku, nkqu nangesosipho esincinane esisinike i-Andorra bekufanele ukuba siwuphumelele lomdlalo.”

Kusenjalo, iBafana izakuqubisana ne-Algeria komnye umdlalo wobuhlobo kumantla e-Afrika eNelson Mandela Stadium, e-Algiers, ngoLwesibini kuleveki ezayo. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php