Emva kokubambana ngenqaku elinye macala ne-Andorra kwiintsuku ezimbalwa ezigqithileyo, kuzakubakho iinguqu eziliqela xa iBafana Bafana idlala ne-Algeria kumdlalo wobuhlobo eNelson Mandela Stadium, e-Algiers, ngoLwesibini ebusuku. 

Oku kudizwe ngumqeqeshi weBafana, uHugo Broos, ngeCawa njengokuba eqhubela phambili nokulungiselela lomdlalo -Algeria. 

“Kuzakubakho iinguqu eziliqela kuba siye sajonga kulemidlalo. Ndicinga ibilithuba elihle kakhulu ukunika abadlali abaselula ithuba lokudlala ngoLwesine ogqithileyo. Noko ibingelilo iqela eliinzima eli besidlala nalo,” utshilo uBroos.

Iqela likaBroos lavumela ukungena kwenqaku kusekutsha kumdlalo ne-Andorra, laze lathabatha imizuzu elishumi elinethoba ngaphambi kokuba u-Elias Mokwana afake elokulinganisa.

“Kodwa ukuba uthelekisa i-Andorra ne-Algeria, kukho umahluko omkhulu kubadlali. Ngoko ke, kufuneka sifake iqela eliluqilima ngoLwesibini. Asikwazi ukuba singaphinda sicweye kwakhona. Izakuba liqela elahluke ngokupheleleyo. Bazakube bengadinwanga abadlali abangakhange badlale ngoLwesine, bazakube besemandleni,” utshilo uBroos.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php