ULitha Mpondwana, oligosa lonxibelelwano nabeendaba kwi-ofisi yoMphathiswa weZemidlalo, Ubugcisa neNkcubeko uZizi Kodwa, usicacisile isigqibo sikaKodwa sokurhoxisa injongo yakhe yokuphikisa umcelimngeni owafakwa yiNational Professional Boxing Promoters Association (NPBPA) enkundleni. 

INPBPA yathawuzisa uKodwa, iBoxing South Africa (BSA) nebhodi entsha yamanqindi enkundleni ngoDisemba wonyaka ophelileyo. INPBPA yayibanga ngelithi uKodwa akazange anxibelelane nayo ngaphambi kokutyumba ibhodi entsha yeBSA.

INPBPA yaphumelela ekufumaneni isithintelo senkundla esathi ayizokusebenza ibhodi entsha yeBSA enamalungu afana noSifiso Shongwe, uPrincess Mangoma, uNande Mheshe, uSakhiwe Sodo, uLuxolo September, uRomy Titus noGqirha Mary-Gene Manthata-Setati. 

“Lento ithetha ukuba kuzakubakho inkqubo yonxibelelwano ukuze konyulwe ibhodi yeBSA ngenjongo yokuvala lengxolo ethi akuzange kunxityelelwane. Lenkqubo ezakulandelwa ayizokusichaphazela isikhundla nomsebenzi wegunya eliyintloko, elatyunjwa ukuzalisekisa indima yegunya eliyintloko kude kube kukho ibhodi entsha emiselweyo,” utshilo uMpondwana.

OkaMpondwana wongeze ngelithi: “ISebe lisasiphikisa isicelo esithandabuza ukuba semthethweni kokonyulwa kwegunya eliyintloko. Ndilindele ukuba sinikezele ngokwenzekayo kungekudala. Kodwa eyona nto ebalulekileyo kuba amanqindi azakuqhubela phambili ngaphantsi kwesikhokelo segunya eliyintloko.” 

Umyalelo weNkundla ePhakamileyo yoMzantsi Afrika eGauteng, ezinze ePitoli, okhutshwe ngomhla weshumi elinesithathu kuMatshi 2024 uthi uKodwa, nongummangalelwa wokuqala, uyirhoxisile injongo yakhe yokuphikisa eyayingomhla weshumi elinanye kuDisemba wonyaka ophelileyo.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php