Izakuba bubuso obutsha kwikona kaXolisani ‘Nomeva’ Ndongeni xa esilwa nembethi-manqindi yaseMelika, uRaymond ‘Danger’ Muratalla, eDesert Diamond Arena eGlendale, e-Arizona, ngoLwesihlanu (ngentseni yangoMgqibelo, ngokwexesha loMzantsi Afrika). 

Umqeqeshi kaNdongeni, uMzamo ‘Chief’ Njekanye, akakwazanga ukuya kulomlo walenzalelwane yaKwaBhaca. Nkqu nomphathi kaNdongeni, u-Elliott Amoakoh, waseNova Sport, nozinze e-United Arab Emirates (UAE), akazokubakho eMelika.

Izakube inguReniel Aponte noMichael Robles abasuka kwiKO Fitness Gym eMiami abazakuba kwikona kaNdongeni njengokuba uNjekanye ezakube engekho nje.  

“Akezi kulomlo ngenxa yezinto ezithile. Nkqu nomphathi wam akezi kulomlo. Ngabaqeqeshi balapha abazokuba sekoneni yam,” uphefumle watsho uNdongeni, oneminyaka engamashumi amathathu anesithathu.

Eguqukela kulomlo, uNdongeni uphefumle wathi: “Ndiyayazi ukuba uMuratalla yimbethi-manqindi enesakhono esihle kakhulu. Kodwa ke eyona nyaniso yeyokokuba akakalwi neembethi-manqindi eziwaziyo umcimbi, nezomeleleyo. 

“Ziimbethi-manqindi adibene nazo kwimilo yakhe emibini yokugqibela ezona zaziwuchana umcimbi. NdinguPhopho, kwaye ndithe qabavu kunaye. Ndikholelwa ukuba ndingambetha.”

UNdongeni sele ephumelele imilo engamashumi amathathu ananye, enqumamise amadoda izihlandlo ezilishumi elinesibhozo, waze wabethwa kwimilo emine.

Ukanti, uMuratalla wase-Arizona, oneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe, uyintshatsheli yeWorld Boxing Organisation (WBO) Global kudidi lwelightweight, kwaye unqumamise amadoda alishumi elinesithandathu kulemilo yakhe elishumi elinethoba ayiphumeleleyo.  

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php