Luzakubaluqilima ukhuseleko xa iChippa United idlala neKaizer Chiefs kumdlalo weDStv Premiership eBuffalo City Stadium, eMonti, ngoMgqibelo weveki ezayo.  

IMonti iliphumelele idabi lokusingatha lomdlalo nangona igosa elijongene nemidlalo kumasipala ombaxa waseNelson Mandela Bay, uMcebisi ‘Bassie’ Kamana, wayegrogrise ngokuqhawulwa kwesivumelwano sabo neeChilli Boys ukuba lomdlalo udlalelwa eBuffalo City Stadium.

Umlawuli jikelele wePremier Soccer League (PSL), u-Ace Ncobo, wanyanzeleka ukuba angenelele njengokuba amawaka abathandi bebhola ekhatywayo ayeme kwimigca emide, elindele ukungena ngaphakathi kanye xa kwakusondele ixesha lokuqala komdlalo weeChilli Boys neeCape Town City, mdlalo lowo owaphela ngenqaku elinye macala kulenyanga ephelileyo. 

Kwilinge lokunxwema isithwakumbe sokunyathelana kwabantu, uNcobo wacinga ngokukhawuleza, waze wayalela ukuba avulwe athi nka amasango ukuze abantu bangene ngaphakathi. 

“Siyiqaphele imicelimngeni ebesinayo kwimidlalo emincinane. Imbumba yokhuselo, ekhokelwa ngamapolisa, yayiqaphela lemicelimngeni esahlangabezana nayo. Amapolisa azakukhokela ekuqinisekiseni ukuba kukho ukhuseleko kulomdlalo,” uSamkelo Ngwenya, oyintloko yezonxibelelwano kumasipala ombaxa waseBuffalo City, utshilo. 

Nangona nje kungazange kubekho iziganeko ezabikwayo ngethuba iiChilli Boys zidlala umdlalo weNedbank Cup neFC Ravens, edlala kwi-ABC Motsepe League, kutsha nje, ukulawula ukuhamba kweenqwelo-mafutha nabantu kwindlela engena kwelibala laseMonti kuzakuphuculwa ngokokutsho kukaNgwenya.  

“Ibala ngokunokwalo lavakaliswa njengelikhuselekileyo yiPremier Soccer League (PSL) nesipolisa. Sithemba ukuba abantu bazakufika ngexesha, ukuze sibenemini engenaziganeko,” utshilo uNgwenya.  

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php