Sele kuvakele ukuba uLuvuyo Mputi ulwe esiva ubuhlungu kwisandla sasekunene ukususela kumjikelo wesine kwade kwaba kukunqunyanyiswa kwakhe kumjikelo wesithandathu nguChumani Tunzi e-Orient Theatre, eMonti, ngeCawa. 

Lomlo wentshinga yaseMpuma Koloni kudidi lwejunior-welterweight ngowona obunikisa umdla kuletumente ebisiyiphathelwe yiKay B Promotions njengokuba uMputi noTunzi babethene ngezithonga ezinzima ngokungengathi bebezondana.

Usompempe uSimphiwe Tom uye wanyanzeleka ukuba awuchithe umlo kwimizuzu emibini nemizuzwana esibhozo enika uTunzi uloyiso. 

“USimphiwe Vetyeka usixelele emva komlo ukuba uMputi uye wakhala ngeentlungu azivayo kwisandla sasekunene ekupheleni komjikelo wesithathu. Lonto ibangele ukuba uMputi angakwazi ukulisebenzisa kakuhle inqindi lakhe lasekunene” umphathi kaMputi, uThembelani ‘Shakes’ Hlombe, utshilo ngoMvulo.

“Ndimse kwiX-ray eCecilia Makiwane kusasa ngoMvulo, apho kufunyaniswe ukuba wophukile. Abantu bangandivi kakubi, anditsho ebengazokubethwa ukuba ebengonzakelanga.”

Ukanti, ibisisihlandlo sesibini ngokulandelelana uMputi ephulukana nomlo njengokuba wabethwa nguSanele Msimang kumlo wodidi lwejunior-welterweight kwiWorld Boxing Federation (WBF) International ePortuguese Hall, eThekwini, ngo-Agasti 2022. 

Ngakwelinye icala, uTunzi uphumelele okokuqala kususela mhla wanqunyanyiswa kumjikelo wesibini nguMarcus Lebogo ngo-July 2022.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php