UThato ‘Captain Charisma’ Bonokoane waseKagiso, eKrugersdorp, kwiNtshona Randi, uzakuntingela eTanzania kulenyanga ezayo, apho azakulwa khona nembethi-manqindi yelalizwe uFadhili Majiha.
UBonokoane, owayesakuba yinjinga yeWorld Boxing Federation (WBF) kudidi lwejunior-featherweight, noMajiha bazakulwela intshinga yeWorld Boxing Council (WBC) Africa.
“Ewe, sizayokulwa eTanzania ngoMeyi. Kodwa okwangoku asikasityikityi isivumelwano somlo,” uphefumle watsho uCharritt Mukondeleli, ongumqeqeshi kaBonokoane.
Izakuba ngumlo wokuqala kaBonokoane emva kokubethwa kumjikelo wokuqala nguFillipus Nghitumbwa waseNamibia kumlo weWorld Boxing Organisation (WBO) Africa kudidi lwejunior-featherweight eWindhoek ngoDisemba kulonyaka ophelileyo.
Kusenjalo, uMajiha, oneminyaja engamashumi amathathu, ubethe intshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-featherweight uBongani ‘Wonderboy’ Mahlangu eDar-Es-Salaam ngo-Okthobha.