UMlandeli Tengimfene ulugcwabevu ngumsindo esithi uye wadelelwa yiXaba Promotions icela ukwenza umlo phakathi kwembethi-manqindi yakhe uSiyakholwa Kuse noSiphamandla Baleni ekuzeni kuphela kwalenyanga.
UTengimfene uveze ukuba iXaba Promotions ithumele umthelekisi wayo uLwandile ‘Jazz’ Ntsito ukuba athethe naye malunga nalomlo.
UKuse waseMdantsane uyintshatsheli yoMzantsi Afrika ne-African Boxing Union (ABU) kudidi lweminimumweight, logama uBaleni engaphethanga nto.
“Ewe, ndingaqinisekisa ukuba uJazz unxibelelene nam malunga nomlo phakathi kukaKuse noBaleni. Sisithuko esi. Ndiziva ngathi ndigezeleke kakhulu, kwaye ndiye ndadeleleka. Kutheni sele kunxityelelwana nam ngomlo nomntu ongenanto? UKuse ukwindawo yesixhenxe kwiWBC, ngoku bafuna alwe imijikelo elishumi. Sisithuko eso,” uTengimfene, obevuthau ngumsindo, utshilo.
UTengimfene wongeze wathi: “UBaleni ukwindawo yeshumi elinesine, thina sineebhanti ezimbini. UKuse ufanelwe yimijikelo elishumi elinambini, hayi imijikelo elishumi. Sithe chu, ngcembe, sinyuka kakuhle kumanqwanqwa eWBC, kwaye sifuna ukuhlonitshwa. Nabani na othetha nam ngeembethi-manqindi zam kufuneka acinge kabini.”
Enikwa ithuba lokuziphendulela, uNtsito uphikile ukuba ebefuna ukunika uKuse umlo: “Hayi, ayikho into enjalo. Asikhange sinike mntu, nto thina.”
UBaleni usanqatyelwe yimilo apha ekhaya njengokuba wagqibela ukulwa ebetha uMzamo Makhipheni ngoDisemba 2022. UBaleni wabethwa ngamanqaku ngummi wase-Uzbekistan uHasanboy Dusmatov eRussia ngoNovemba wonyaka ophelileyo.