Awusekho umlo obuzakubaphakathi kukaBongani ‘Wonderboy’ Mahlangu nommi waseBotswana, uTefo Letshikgwane, mlo lowo obuzakubanjelwa eFairground Holdings, eGaborone, ngoMgqibelo.

Umqeqeshi kaMahlangu, uSandile Mahlangu, uxelele i-Ink Sport ukuba ufumene incwadi emxelela ngokuchithwa kwalomlo. Lo ibizakuba ngumlo we-African Boxing Union (ABU) kudidi lwejunior-featherweight.  

“Ndifumene incwadi esixelela ukuba umlo awusekho. Lencwadi ithe lomlo awuzokubakho ngenxa yeengxaki ezithile,” utshilo uSandile Mahlangu. 

Lencwadi ifike xa kanye oonyana bakwaMahlangu, abahlala eBoipatong, bebelungiselela ukundulukela eBotswana ngoLwesibini.

Njengokuba ke ungasekho umlo noLetshikgwane, uMahlangu, oneminyaka engamashumi amane anesine, ngoku uzakugxila ekulungiseleleni umlo wakhe noMzuvukile Magwaza kulenyanga ezayo. UMahlangu uzakube ekhusela intshinga yakhe yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-featherweight. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php