Enemilo nje emihlanu kudidi lwabahlawulwayo, uLwando Mgabi ufumana ithuba lokokuba abhinqe ibhanti njengokuba ezakulwa noGift Pilane, onamava kunaye, kwiiveki ezimbini ezizayo. 

UMgabi ophuma e-9th South African Infantry (SAI) Boxing Club eKhayelitsha, eKapa, ulwa noPilane kwintshinga engenamntu yeWorld Boxing Federation (WBF) Africa kudidi lwejunior-bantamweight eVibrant Boxing Academy, e-Ottery, ngoLwesihlanu umhla weshumi elinethoba.

“Ekuqaleni, lomlo wawumiselwe umhla weshumi elinesibini. Waphinda wabekelwa iveki elandela leyo, asiyongxaki leyo kum kuba ndiwulungiselele kakhulu lomlo,” utshilo uMgabi.

“Ayindisithelanga into yokokuba uPilane unamava kunam, kodwa soze ibeyingxaki kum leyo kuba izakuba ngumlo olula lo. Mfutshane, kwaye mna ndizakusebenzisa ubude bam kulomlo.”

Ethetha ngento azakuyenza ukuba uwuphumelele lomlo, uMgabi uthe: “Ndifuna ukucela umngeni kwintshinga yoMzantsi Afrika emva kwalomlo. Andikhathali nokuba uPhumelela Cafu useyintshatsheli okanye akayiyo.”

UMgabi, ongekabethwa, ubuyela eqongeni okokuqala kususela mhla wabetha uGoitsemodimo Pooe kwintolongo yaseGoodwood, eKapa, ngo-Okthobha kulonyaka ophelileyo.

Ukanti ke kwelinye icala, uPilane wanqumamisa uMusa Ntlangula kumjikelo wesibini kumlo owawuseBloemfontein ngoDisemba.

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php