IKaizer Chiefs iziqinisekisile kusasa ngoLwesine iindaba ezilusizi zokusweleka komdlali wayo wasemva uLuke Fleurs.
UFleurs, obeneminyaka engamashumi amabini anesine, udutyulwe lwahlanza iselwa ngethuba kuphangwa inqwelomafutha yakhe eRhawutini ngokuhlwa kwangoLwesithathu.
“Kungosizi olukhulu ukuvakalisa ukuba umdlali weKaizer Chiefs, uLuke Fleurs, uphulukene nobomi bakhe ngendlela ebuhlungu kakhulu ngethuba kuphangwa inqwelomafutha yakhe eRhawutini phezolo,” itshilo iChiefs kusasa ngoLwesine.
“Sibeka usapho nabahlono bakhe emithandazweni ngelixesha elinzima kangaka. Abakwantsasana bawuphethe lomcimbi kwaye ezinye iinkcukacha ziyakuphinda zaziswe apha exesheni.”
UFleurs uzibandakanye neChiefs, etyikitya isivumelwano sengqesho seminyaka emibini ngo-Okthobha kulonyaka ophelileyo esuka kwiSuperSport United. UFleurs udlalele iMatsatsantsa a Pitoli izihlandlo ezingamashumi asixhenxe.