IBoxing South Africa (BSA) iyazibhekelisa kumlo wowayesakuba yinjinga yoMzantsi Afrika, uNkululeko ‘The Bulldog’ Mhlongo’, olwe kwilizwe lase-Albania kuloMgqibelo ogqithileyo.

Lenzalelwane yaseShowe, eneminyaka engamashumi amane anesibini, ibethwe iimbambo zancazelana, ibethwa lityendyana lase-Albania uSenad Drini kumjikelo wesine eShkoder.

UMhlongo ulwe e-Albania esebenzisa iimpepha ezaziphuma kwiFederation of Congolese Boxing yaseDemocratic Republic of Congo (DRC). 

“Ngokokwazi kwethu, uMhlongo wathabatha umhlala phantsi. Ngoko ke, kunzima ukuthetha ngalomlo kuba lomntu akasenayo ilayisenisi kaBoxing South Africa,” utshilo uMandla Ntlanganiso, oligunya eliyintloko kwaBSA. 

UDrini, oneminyaka engamashumi amabini anesithathu, uphumelele umlo wakhe wesihlanu, enqumamisa indoda yesine njengokuba enqumamise lentshatsheli yamhlamnene kudidi lwejunior-middleweight nemiddleweight. 

Ibisisihlandlo sesithathu ngokulandelelana uMhlongo engawugqibi umlo. UMhlongo wabethwa nguSaddrin Akhmedov eKazakhstan ngoDisemba 2022, kwaye ke wayebethwe nguJohn Bopape eBloemfontein ngo-Epreli waloonyaka.

Awe phantsi onke amalinge okufumana uMhlongo ukuze aphefumle njengokuba iminxeba yakhe ibivaliwe. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php