Nayiphi na imbethi-manqindi enqwenela ukulwa nentshatsheli yosiba eMzantsi Afrika, uZolisa Batyi, kuzakufuneka ilinde ade aqoshelise umcimbi wakhe noYamkela Phaliso.
Oku kuthethwe ngumqeqeshi kaBatyi, uKhangelani Jack, njengokuba sele kukho iimbethi-manqindi ezifuna ukulwa nembethi-manqindi yakhe. UBatyi uzakulwa noPhaliso ngoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesixhenxe kuJulayi eMonti.
UBatyi wasEluxolweni, eNxarhuni, unqumamise uLucky Hobyane kumjikelo wesibhozo ngethuba ebekhusela intshinga yakhe isihlandlo sesibini e-Orient Theatre, eMonti, kuleveki ephelileyo.
“Sizakulwa noPhaliso ukuba akasibalekanga. Bekufanele ukuba silwe naye, qha waye warhoxa esithi wonzakele,” utshilo uJack, owaphumelela iwonga i-2023 Trainer of the Year, kumsitho weembasa zamanqindi eMzantsi Afrika.
Kusenjalo, uMtuseni Dube, oqeqesha injinga yeWorld Boxing Federation (WBF) Intercontinental kudidi losiba uLindelani Sibisi, ufuna uBatyi akhusele kwimbethi-manqindi yakhe.
USibisi unqumamise imbethi-manqindi yasesTanzania, u-Iddy Kayumba, kumjikelo wokuqala e-Estcourt kuloMgqibelo ogqithileyo. Kwaye ke uDube ukholelwa ukuba uSibisi, ophumelele imilo emithandathu, enqumamisa amadoda amahlanu, ebethwe kabini, angambetha lula uBatyi.
“USibisi makalinde, lizakufika ixesha lakhe, asimoyiki. Kuzakufuneka aze eMpuma Koloni kuba nguye ofuna intshinga yethu,” utshilo uJack.