Ukukhula kwenani labadlali abazinzalelwane zaseMpuma Koloni abadlala kwiChippa United kuyinto emnandi kakhulu kusihlalo weeChilli Boys uSiviwe ‘Chippa’ Mpengesi.
Esisikhulu seeChilli Boys sivuya kakhulu njengokuba uSinoxolo Kwayiba noKayden Francis bezibonakalisa nje kweliqela elizinze eGqeberha.
UKwayiba ufake amanqaku amabini kwimidlalo emibini elandelelanayo. Ufake inqaku ngethuba iiChilli Boys ziquthisa iCape Town Spurs ngamanqaku amabini eqandeni nangethuba bebetha iKaizer Chiefs ngendlela efanayo. UFrancis wafaka inqaku kumdlalo nee-Urban Warriors ngoLwesithathu.
“Ndinqwenela kuthi kanti wawundibonile indlela endandivuya ngayo ngoLwesithathu ukubona abadlali ababini baseMpuma Koloni benceda eliqela ukuba liphumelele. Sifuna ukubona abanye abaninzi,” utshilo uMpengesi emva kokuba iiChilli Boys zibethe iChiefs eBuffalo City Stadium, eMonti, emva kwemini ngoMgqibelo.
UMpengesi wongeze wathi: “Okwethu kukubanika iqonga ukuze babonakalise iziphiwo zabo. Sanelisekile kukuba sinabadlali abaphuma eMpuma Koloni. Ndibulela isigqeba sabaqeqeshi ngokuthemba ababadlali.”