Sele kuqinisekisiwe ukuba uSiyakholwa Kuse uzakulwa nembethi-manqindi yaseZimbabwe, uBeaven Sibanda, kwitumente yeGolden Gloves e-Emperor’s Palace, eKempton Park, ngomhla weshumi elinesihlanu kuJuni.

Intshinga engenamntu ye-IBF Africa strawweight yiyo ezakulwelwa xa intshatsheli ye-African Boxing Union (ABU) minimumweight ilinga ukuba yimbethi-manqindi yokuqala ukubetha uSibanda, ongekabethwa.

UKuse, oqeqeshwa ngowayesakuba yintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwempukane uMakazole Tete e-All Winners Boxing Club eMdantsane, ukwayiyo nenjinga kudidi lweminimumweight eMzantsi Afrika.

Lenzalelwane yaseMdantsane izakuya kulomlo emva kokunqumamisa uKhalid Kalama Ally waseTanzania kumjikelo wesibhozo ngoDisemba kulonyaka ophelileyo, logama uSibanda wabetha uMthokozisi Ngxaka ngamanqaku ngoSeptemba. 

UKuse uphumelele imilo emithandathu, enqumamise amadoda amathathu, wabethwa kabini, waze wabambana kanye. Ukanti, uSibanda waseHarare, eZimbabwe, uyiphumelele yonke imilo yakhe emithandathu, emibini kuyo yaphela phakathi. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php