USechaba Mabuya uthi imbethi-manqindi yakhe uThami ‘Bhubesi’ Luthuli akamoyiki owayesakuba yintshatsheli yoMzantsi Afrika kudidi lwempukane uThembelani Nxoshe waseMdantsane. 

UMabuya ukuthethe oku emva kokuba abaphathi baNxoshe bethe uLuthuli woyikile ukuzokulwa nalembethi-manqindi yaseMpuma Koloni ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe kulenyanga. 

IXaba Boxing Academy ibifuna ukulwisa uLuthuli noNxoshe kumlo onemijikelo emithandathu. Kodwa abakhange bayivume lonto abaphathi bakaLuthuli kuba befuna imbethi-manqindi yabo ilwe kumlo onemijikelo ethe chatha. 

“Bebesinika umlo noNxoshe. Asivumanga ukulwa kuba basinike ixesha elifutshane. Asimoyiki uNxoshe, singalwa naye nanini na,” uphefumle watsho uMabuya.

“Asinakulwa noNxoshe kwimijikelo emithandathu kuba akufanelekanga oko. Simfuna kumlo wentshinga okanye kwimijikelo elishumi ukuze sizokubona ukuba uphethe ntoni na.” 

Kusenjalo, uLuthuli ubethe uSphelele Myeza ngamanqaku kumlo wentshinga yaKwaZulu-Natal kudidi lweminimumweight KwaMashu, eThekwini, phantse kwiinyanga ezimbini ezigqithileyo. 

ULuthuli, owazalelwa eNkandla nobekwa kwindawo yesihlanu eMzantsi Afrika, uphumelele imilo emithandathu, enqumamise indoda enye, wabambana kwimilo emibini. 

Leave a Reply

Your email address will not be published. Required fields are marked *

css.php