UNtethelelo Nkosi uziva ngathi angazivuthela zonke ezintsuku zigqithe kude kufike imini apho azakukhusela ngayo intshinga yakhe yoMzantsi Afrika kuSanele Msimang njengokuba efuna ukukhawuleza awuqabelise lomcimbi.
Lenzalelwane yaseMtubatuba KwaZulu-Natal, eneminyaka engamashumi amabini anesixhenxe, izakukhusela intshinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-welterweight xa isilwa noMsimang kwindawo esezakubhengezwa eThekwini kulenyanga ezayo.
“Ndimnika ithuba lokulwa njengokuba kukudala endikhwaza esithi ufuna ukulwa nam. Andimoyiki konkekonke. Ndizakuyikhusela ngempumelelo intshinga yam,” utshilo uNkosi.
“Ndikhe ndayibukela imilo yakhe embalwa, akukho nto endingabhalela ngayo ekhaya. Naye uyayazi entliziyweni yakhe ukuba ndizakumbetha. Ayikho indlela apho angayihlutha ngayo intshinga yam. Kufanele alinde ndide ndigqibe apha eMzantsi Afrika ngaphambi kokuba angaphumelela lentshinga.”
UNkosi, oqeqeshwa nguDamien Durandt eRhawutini, wanqumamisa intshatsheli uPrince Dlomo kumjikelo wethoba eThe Globe Theatre, eSuncoast Casino, eThekwini, ngoNovemba kulonyaka ophelileyo. – Monwabisi Jimlongo