Ifunyaniswe njengebubuxoki nobuvuvu ingxelo eyothusayo, ebibhalwe kuFacebook isithi uswelekile owayesakuba yinjinga yoMzantsi Afrika kudidi lwejunior-flyweight uNhlanhla ‘Mount Kilimanjaro’ Tyirha.
UTyirha, owazalelwa eMdantsane, usadla amazimba, kwaye uthi akakhange agaxeleke kwingozi yenqwelomafutha, nto ke leyo ephikisana nento ebibhalwe kuFacebook ngoLwesithathu.
“Ndisaphilile mna. Abantu basile. Andiyazi ukuba buqalele phi obubuxoki kuba mna bendilungisa inqwelomafutha yam. Andikhange ndigaxeleke kwingozi yenqwelomafutha,”utshilo uTyirha ngethuba etsalelwe umnxeba yi-Ink Sport ngokuhlwa kwangoLwesithathu.
UTyirha usanqatyelwe yimilo kususela mhla wothuswa nguGeorge Kandulo waseMalawi emnqumamisa kumjikelo wesibhozo e-International Convention Centre (ICC), eMonti, ngoJulayi kulonyaka ophelileyo. – Monwabisi Jimlongo